Ana səhifə

Isihloko seprojekthi yophando: inombolo yonxulumano: umphandi oyintloko


Yüklə 55 Kb.
tarix25.06.2016
ölçüsü55 Kb.
INCWADANA ENGOLWAZI NGOMTHATHI-NXAXHEBA KUNYE NEFOMU YEMVUMELWANO
ISIHLOKO SEPROJEKTHI YOPHANDO:

INOMBOLO YONXULUMANO:
UMPHANDI OYINTLOKO:
IDILESI:

INOMBOLO YOQHAGAMSHELWANO:

Uyamenywa ukuba athathe inxaxheba kwiprojekthi yophando. You are being invited to take part in a research project. Nceda thatha ixesha lokufunda ulwazi oluvezwe apha, oluzakuthi luchaze iinkcukacha zale projekthi. Nceda buza nayiphina imibuzo emalunga nayiphina indawo ongayiqondiyo ngokupheleleyo kubasebenzi besi sifundo okanye kugqirha. Kubaluleke kakhulu ukuba waniliseke ngokupheleleyo yinto yokuba ucacelwe kakuhle ukuba yintoni ebangwa sesi sifundo kwaye ungabandakanyeka njani. Kwakhona, ukuthatha kwakho inxaxheba kungentando yakho ngokupheleleyo kwaye ukhululekile ukuba ungarhoxa ekuthatheni inxaxheba. Ukuba uthi hayi, oku akusayi kuchaphazela ukungavumi kwakho nangayiphina indlela. Ukwakhululekile ukuba uyeke kwesi sifundo naninina, nkqu nokokuba uyavuma ukuthatha inxaxheba ekuqaleni.


Olu phando luvunywe ziinqobo ezisesikweni zeKomiti yoPhando Lomntu kwiYunivesithi yaseStellenbosch kwaye luzakwenziwa ngokwemigaqo esesikweni lophando elamkelekileyo kwiSaziso sehlabathi sika-Helsinki, iMigaqo eLungileyo yoMzantsi Afrika yokuSebenza eKliniki kunye neBhunga lezoPhando ngamaYeza (MRC) iMigaqo yeNqobo yezoPhando.

Simalunga nantoni esi sifundo sophando?


  • Luza kwenziwa phi uphando; ingaba zikhona ezinye iindawo; bangaphi bebonke abathathi-nxaxheba abazakugaywa.

  • Cacisa ngolwimi oluviwa ngumthathi-nxaxheba ukuba iprojekthi yakho ijonge ukwenza ntoni kwaye kutheni uyenza?

  • Cacisa zonke iinkqubo.

  • Cacisa nayiphina inkqubo engakhethiyo enokuthi ibekho.

  • Cacisa ukusetyenziswa kwalo naliphina iyeza, ukuba likhona.



Kutheni umenyiwe ukuba uthathe inxaxheba?

  • Cacisa lo mbuzo kakuhle.


Luyakuba yintoni uxanduva lwakho?


  • Cacisa lo mbuzo kakuhle.


Ingaba uza kuzuza ekuthatheni inxaxheba kolu phando?


  • Cacisa yonke inzuzo ngokungaqhutywa luluvo. Ukuba akukho nzuzo bonisa ke ukuba ngubani onokuthi azuze kolu phando umz. Abazali bangomso.



Ingaba zikho iingozi ezibandakanyekayo ekuthatheni kwakho inxaxheba kolu phando?

  • Chaza naziphina iingozi ngokungaqhutywa luluvo.


Ukuba awuvumi ukuthatha inxaxheba, loluphi olunye unyango onalo?



Ngubani uza kufumana ingxelo yakho yamayeza?


  • Cacisa ukuba ulwazi oluqokelelweyo luza kuba yimfihlelo kwaye luza kukhuselwe. Ukuba lusetyenziswe ekupapashweni okanye kwithesisi, umthathi-nxaxheba akasayi kwaziswa. Cacisa kakuhle ukuba ngubani oza kukwazi ukufumana ulwazi.


Kuza kwenzeka ntoni kwimeko yesiganeko esingalindekanga sokwenzakala ngenxa yokuthatha kwakho inxaxheba kwesi sifundo sophando?


  • Cacisa imiba enxulumene nentlawulo ye-inshorensi ukuba ikhona. Ukuba kukho iindawo ezibandakanyekayo ezithengisa amayeza ingaba intuthuzelo izakuhamba ngokwemigaqo ye-ABPI? (Imigaqo yentuthuzelo enxulumene nokwenzakala kuphando lweManyano yaseBrithane yezoRhwebo lwamaYeza ethathwa njengekwizinga lehlabathi legolide). Ukuba ewe, nceda bandakanya iinkcukacha apha. Ukuba hayi, cacisa ke ukuba yeyiphi intuthuzelo eyakubakhona kwaye phantsi kweziphi iimeko..



Ingaba uza kuhlawulwa ngokuthatha inxaxheba kwesi sifundo kwaye ingaba kukho iindleko ezibandakanyekayo?
Hayi awusayi kuhlawulwa ngokuthatha inxaxheba kwesi sifundo kodwa isithuthi sakho neendleko zokutya ziza kuhlawulelwa kundwendwelo ngalunye lwesifundo. Akusayi kubakho zindleko ezibandakanyelwa wena, ukuba uthatha inxaxheba.

Ingaba ikho enye into ekumele uyazi okanye uyenze?

  • Kumele wazise ugqirha wosapho okanye ugqirha oqhelekileyo nje ukuba uthatha inxaxheba kwisifundo sophando. (sibandakanye ukuba sikhona)

  • Kwakhona kumele wazise inkampani yakho ye-inshorensi yamayeza ukuba uthatha inxaxheba kwisifundo sophando. (sibandakanye ukuba sikhona)

  • Ungaqhgamshelana noGqr ……………….………..….. kule inombolo yomnxeba ……………………… ukuba unemibuzo engaphaya okanye uhlangabezana neengxaki.

  • Ungaqhagamshelana neKomiti yoPhando Lomntu kwa-021-938 9207 ukuba unenkxalabo okanye izikhalazo ezingasonjululwanga kakuhle ngugqirha wakho wesifundo.

  • Uza kufumana ikopi yolu lwazi kunye nefomu yemvumelwano ukwenzela iingxelo zakho.


Isifungo somthathi-nxaxheba


Ngokuytyikitya ngezantsi, Mna …………………………………..…………. ndiyavuma ukuthatha inxaxheba kwisifundo sophando semfuzo esibizwa ngokuba (faka ishloko sesifundo).
Ndazisa ukuba:


  • Ndilufundile okanye ndalufunda olu lwazi kunye nefomu yemvumelwano kwaye ibhalwe ngolwimi endiliciko nendikhululekileyo kulo

  • Bendinalo ithuba lokuba ndibuze imibuzo kwaye yonke imibuzo yam iphendulwe ngokwanelisayo.

  • Ndiyakuqonda ukuba ukuthatha inxaxheba kolu phando kube kukuzithandela kwam kwaye andikhange ndinyanzelwe ukuba ndithathe inxaxheba.

  • Ndingakhetha ukusishiya isifundo naninina kwaye andisayi kohlwaywa okanye uqal’ ugwetywe nangayiphi indlela.

  • Usenokucelwa ukuba usishiye isifundo phambi kokuba siphele, ukuba ugqirha wesifundo okanye umphandi ukubona kuyinzuzo kuwe, okanye ukuba andisilandeli isicwangciso sesifundo, ekuvunyelenwe ngaso.

Kutyikitywe e-(indawo) .........…........…………….. ngo-(usuku) ………....……….. 2005.



Umtyikityo womthathi-nxaxheba Umtyikityo wengqina

Isifungo somphandi

Mna (igama) ………………………………………………… ndiyafunga ukuba:



  • Ndilucacisile ulwazi olu kweli xwebhu ku-…………………..……………...

  • Ndimkhuthazile ukuba abuze imibuzo kwaye athathe ixesha elifanelekileyo ukuba ayiphendule.

  • Ndiyaneliseka kukuba uyakuqonda ngokwanelisayo konke okumalunga nophando okuxoxwe ngasentla.

  • Ndisebenzise/andisebenzisanga toliki. (Ukuba itoliki isetyenzisiwe kumele ityikitye isaziso ngezantsi.

Kutyikitywe e-(indawo) .........…........…………….. ngo-(usuku) ………....……….. 2005.



Umtyikityo womphandi Umtyikityo wengqina


Isifungo setoliki

Mna (igama) ………………………………………………… ndazisa ukuba:



  • Ndicende umphandi (igama) …………………………. Ekucaciseni ulwazi olu lapha kweli xwebhu ku-(igama lomthathi-nxaxheba) …………………………….. ndisebenzisa ulwimi lwesiAfrikaans/lwesiXhosa.

  • Simkhuthazile ukuba abuze imibuzo kwaye athathe ixesha elifanelekileyo ukuba ayiphendule.

  • Ndimxelele eyona nto iyiyo malunga nokunxulumene nam.

  • Ndiyaneliseka kukuba umthathinkxaxheba ukuqonda ngokupheleleyo okuqulathwe loluxwebhu lwemvumelwano eyazisiweyo kwaye nemibuzo yakhe yonke iphendulwe ngokwanelisayo.

Kutyikitywe e-(indawo) .........…........…………….. ngo-(usuku) ………....……….. 2005.



Umtyikityo wetoliki Umtyikityo wengqina


CHR Informed Consent (General), Version 1, dated 8 July 2005 Page of


Verilənlər bazası müəlliflik hüququ ilə müdafiə olunur ©atelim.com 2016
rəhbərliyinə müraciət